XHOSA - SOUTH AFRICAN TRIBE

Exodus 20:1-17 

Xhosa : South African Tribal Bible

Ex.20:1-17 

1  UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:

2  NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.

3  Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.

4  Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.

5  Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;

6  ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.

7  Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.

8  Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.

9  Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;

10  ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho:

11  kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.

12  Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.

13  Uze ungabulali.

14  Uze ungakrexezi.

15  Uze ungebi.

16  Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.

17  Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.